










E
 NGADINYAZWA kukuba eneHlV, uMercy Makhalemele akalibazisanga ekufundiseni, ekululekeni nasekunikeni inkxaso kwabo baneHlV neAids. Njengenenekazi elisebenza kWaNAPWA (National Association of People Living with HIV and Aids), uMercy ubona ukuba iminqweno yamabhinqa aneHlV ngoku inokumelwa.
Kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo uMercy usuke eGauteng weza KwazuluNatal njengomlungelelanise weNAPWA.
Omnye wemiba uMercy angathanda ukuba ithiwe thaca kwiSebe leMpilo ngumbandela wenkathalo ezibhedlele. Kuba beneHlV, abantu abaninzi abamkelwa ezibhedlele xa begula, utshilo uMercy.
UMercy nyakenye ukhe wasokoliswa sisibhedlele saseGauteng ukuze kunyangwe usana Iwakhe oluneminyaka emi-2 l\2 oluneHlV kuba lwaluhlaselwe yinyumoniya. Olu sana lwasweleka ekugqibeleni.
Ukungafihli kuyakhuthazwa kuba kukho inkolo yokuba oku kuya kuthintela



































UMercy Makha!eme!e
kwenye yeecawa zaseThekwini ebethetha no!utsha ma!unga neAids.
ukusasazeka kwel-IIV, utshilo uMercy. Kodwa abo kuthi abaye badiza ngemeko abakuyo bakhe bazibuze ukuba bekufanele kusini na. Ewe, uluntu lusenalo ucalucalulo.
Ndikhe ndibone abantu begxothwa ziintsapho zabo kuba nje benel-IIV.
Amanani amvanje abonisa ukuba umntu omnye kwabane KwaZulu Nata! usesichengeni sokuhlaselwa yiHlv; phofu ke abantu abaninzi basazikhohlisa ngokuthi ngekhe kwenzeke kum. UMercy unethemba lokuba iNAPWA iza kutshintsha iimbono zolutsha. lnkoliso yamaphulo ethu okucacisa ngeAids ajoliswe kulutsha, utshilo uMercy.
Ulutsha kufuneka luqonde ukuba xa luneendibano zesondo ezingakhuselekile kwimizuzwana nje embalwa, lunokosulelwa ngeHlV, ulumkise watsho uMercy.
Phambi kokuba uMercy ahlaselwe sesi sifo ubeneminyaka esibhozo etshati!e. Kuba ebethembekile emtshatweni wakhe nokuba indoda yakhe isweleke ngenxa yeAids kumkhanyisele ukuba intsholongwane
EBENGUMPHATH I
NGOU AASENGUYE
kubalisa uAJITH BA1DGAAJ kufote uRAJESH JANTILAL UMercy Makalemele ungumzala kaBasetsana Makalemele obefudula , enguMiss South Africa, unobuntu, unomtsalane, udlamklle, ukrelekrele
kwaye uphile qete. Sekumalunga neminyaka emine ngoku uMercy eqonda ukuba uneHIV.

yeAids uyichole kwindoda yakhe.
Kuba ndandisithi nditshatile, kwaye
ndikhuselekile, andizange ndilumke. Ndakufunda ukuba ndineHlV ndakhathazeka. Ukuba ngoko ndandingakhulelwanga ngendazibulala, udize oko
uMercy.
Kodwa ke ndanikwa ithemba ngumfo owayeneHlV kunyaka weshumi enesi sifo nowathi noko unokuphila xa IHIV inyangiwe, uncume watsho uMercy.
UMercy utshate waza wanabantwana ababini omnye kubo usweleke kunyaka odlulileyo ngenxa yokosulelwa yiHIV. UThabanga unyana wakhe oyinkulu noneminyaka esibhozo nongenaHlv, uthandwa gqitha nguMercy ukanti uyayazi imeko kaMercy.







Ekwinyanga yesihlanu ekhulelwe unyana wakhe wesibini uMercy ufumanise ukuba uneHlV, kodwa indoda yakhe uyixelele ngemeko akuyo sekuzelwe olu sana. Kwafuneka ndikhathalele utoyiko endandinalo kuqala ndinganikezeli kucinezeleko lwengqondo olungeyomfuneko xa ndandikhulelwe, utshilo uMercy.
UMercy unesiva kwingalo yakhe apho watshiswa ngamanzi abitayo kwingxwabangxwaba nendoda yakhe akuyichazela ngemeko akuyo.
Wagxothwa emzini wakhe iinyanga ezintandathu, kodwa akazange axelele abazali okanye afune ikhusi kubo. Andizange ndibe nesibindi sokufuna ukuphulukana nabo, ukhumbula oko.
Waya esibhedlele eyokufuna umsebenzi ukuze akhulise abantwana bakhe. Omnye woogqirha apho wayefuna umsbenzi wasemakhitshini. uNgaphambili bendingumphathi wevenkile enkulu, kwafuneka ncliphangele ekhitshini, utshilo uMercy.
lkratshi ndalibeka ecaleni
ndazikhumbuza ukuba okubalutekileyo
kukuba ndonge imati ukuze ndikhulise unyana wam, uMercy uqhubeke watsho ezithobile.
Kwiinyanga ezintandathu zokuqala ephangela ekhitshini uMercy ufunde lukhutu kuba ugqirha abesebenza kuye ebeyincutshe kunyango Iwabantwana abaneAids.
Kuthe kusenjalo indoda kaMercy yafuna unyango icinga fan ukuba idumbe iindimla. Kodwa ke kwafunyaniswa ukuba ineHlV yaza yafuna uMercy.


UMeny ngoku usebenza kwlNationaiAssoclatfon ofPeople Uvlng with HlVandAlds (NAPWA). Amaphulo abo amaninzi malunga nokuqaphela IAfds ajollswe kulutsha.
























Wabuyela kuyo kuba eqonda ukuba abantwana bakhe kwakufuneka bakhe bachithe ixesha noyise. Kanti ke yena wayengokuphela komntu osondele kakhulu kuyo nonolwazi ngemeko yakhe yeHtV. Bobabini bafuna ululeko. Okokuqala saba neendibano zesondo ezikhuselekileyo, utshilo uMercy.
UMercy uqalise ukuxelela usapho lwakhe ukuba uneHlV. Ukhumbula oku:
Bothuka. Umama wayesoyka nokundichukumisa oku, ndakujonga njengamava obomi. Kwakubang usizi, kodwa ndazama ukuba bandamkele.
Ngethamsanqa kuMercy, uyise oyimvumi yejazz eyaziwa kumazwe ngamazwe wamenywa ukuba azokucuia eAmsterdam ukuze kunyuswe irtgxowamali yokunceda abantu abaneHlV neAids. Engqongwe ngaba bantu eAmsterdam uyise wayiqonda imeko kaMercy.
Akubuyela kweli emva kokusweleka kwendoda kaMercy uyise walubiza usapho waluxeleta ukuba uThixo umbonise okuza kwenzeka kuye ngokumthumela eAmsterdam.
BONA XHOSA - September 1997 35

Ngoku abakowethu bayaqonda kwaye bandixhasa bengenaloyiko, uvakalise oko uMercy.
Malunga nomzala wakhe uBasetsana Makhalemele uMercy uthi uyavuya kuba obefudula enguMiss South Africa ubandakanyeke kwimiba enento yokwenza neAids, ingakumbi kuba le ngxaki ikho kusapho lwakhe. Kodwa ke uMercy akathandi ukusebenzisa udumo lwabanye, okanye uveiwano losapho lwakhe ukuze alwe neAids.
Umyalezo kaMercy kuluntu kukuba kufuneka lukhuselwe luze luqonde ukuba kungenzeka nabani na ayichole iHIV enoba ungugqirha, umfundisi okanye umongameli.
Phofu ke, umntu onayo akufuneki angathandwa, angatshatwa okanye angazifumani iindibano zesondo. Konke oku kuyafuneka ngaphandle kokuba Iowo uneHlV uyazithanda kwaye engafuni ukuba isasazeke nakwabanye. Ngokomthetho oku kunokubulala, utshiio uMercy. Kodwa ke utyibele wathi kuyafuneka ukusebenzisa iindleta zokuzikhusela.
Ndithetha nje ndenza amadinga nalowo ongenaHlv. Uyazi ukuba ndineHlV, utshito uMercy.
Noko indlela esithandana ngayo inik umdla ibang ulonwabo njengakuso nasiphi na isibini, utshilo uMercy encumile.
Kodwa ke ndiyayazi imeko yokubukela iqabane takho likrekrethwa yiAids, andituni kumbangela angcungcutheke ngoto hlobo. Akakatshati, akanabantwana. Andingethandi ukuba angayifumani loo nyhweba yokuba ngutata kuba asinakuba neendibano ezingakhuselekanga, uvakalise oko uMercy.
Xa ephumle uMercy uyakuthanda ukubukela amaqela akhe ebhota ekhatywayo njengekaizer Chiefs neSundown okanye aphulaphule umculo wejazz noweklasikh.
Ukwadize nokuba uthanda ukuhlala eThekwini aze akhulise unyana wakhe. Uthe: Ndimnqwenelela okuhle.
Umnqweno wakhe ophambili kukuba abe ngumzekelo omhle kubantu abaneHlV nokuba ngamnye kubo abe nokuphumeza lukhutu. Ukuba kwenzeka ufe ngenxa yeHlV akubenzi bube mfiliba ubomi bakhe kuba kakade ubabona abantu besifa mihla Ie. Nakuba sikhe sibe buhlungu, sibe lusizi, sakuva ngokusweleka kothile, ubomi mabuqhubeke.
UMercy Makhalemele ungumzekelo omhte wokuba akunakuphelelwa lithemba xa uneHlV. Ulonwabo analo kufanele kunik ithemba kwabaneHlv neAids. Umsebenzi wakhe omhle sisiphumo esiqinisekileyo sokuba okunene uyiNgetosi yeNceba eMzantsi Afrika. [1
34 BONA XHOSA - September 1997

